Wikipedia
xhwiki
https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo
MediaWiki 1.39.0-wmf.23
first-letter
Media
Special
Talk
User
User talk
Wikipedia
Wikipedia talk
File
File talk
MediaWiki
MediaWiki talk
Template
Template talk
Help
Help talk
Category
Category talk
TimedText
TimedText talk
Module
Module talk
Gadget
Gadget talk
Gadget definition
Gadget definition talk
AmaXhosa
0
3270
33934
33933
2022-08-12T17:28:20Z
I-Mikrobi
11568
wikitext
text/x-wiki
[[File:Xhosa-children.JPG|thumb|280px]]
'''AmaXhosa''' ([[isiNgesi]]: ''Xhosa people'') — AmaXhosa liqela labantu base[[UMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]] elifumaneka e[[IPhondo laseMpuma-Koloni|Mpuma Koloni]]. Aba ngabantu bamasiko nezithethe . Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe, imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye nama[[Mpondo]].
Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa ababesaziwa njengabantu bokuqala . Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo , ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa.
AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei . Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane. Nabo abo bantu babohlukene kwanguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo: amaMfengu, amaBhele kunye namaZizi.
Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko. Basebenzisa amabali ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata. Ngokwesiko lawo izinyanya zawo ezingooyise mkhulu ababhubhayo zisebenza ukubakhusela. Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata.
Kanti ke ngesizingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe kanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe.
"Inkaba yakho iphi?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho , umnombo wakho ukutsho , ikhaya , uzalwa ngubani ? , yena ezalwa phi ?
Eyonqulo lukaThixo indima yeyenye imini, okwangoku manditshaye kuba inqawe yam sele izicimele ifuna ukuqongqothwa!
<br />
[[Category:AmaXhosa| ]]
9btli7rfeenbvr8gkztkaarnu4v2qms
33935
33934
2022-08-12T17:29:02Z
I-Mikrobi
11568
wikitext
text/x-wiki
[[File:Xhosa-children.JPG|thumb|280px]]
'''AmaXhosa''' ([[isiNgesi]]: ''Xhosa people'') — AmaXhosa liqela labantu base[[UMzantsi Afrika|Mzantsi Afrika]] elifumaneka e[[IPhondo laseMpuma-Koloni|Mpuma Koloni]]. Aba ngabantu bamasiko nezithethe . Bohlulwe ngokweziduko (Clan names) kunye nezizwe ezahlukeneyo. Izizwe abohlulwe ngazo ngamaGcaleka, amaRharhabe, imiDange kunye namaNdlambe. Kukho nezinye izizwe ezifumaneka kumaXhosa ezo ngabaThembu, abakoBhosha kunye nama[[Mpondo]].
Igama elithi isiXhosa okanye igama lamaXhosa lithathwe kwiKumkani yamaXhosa eyayibizwa ngokuba nguXhosa. Yona eligama yaliphiwa ngaBathwa ababesaziwa njengabantu bokuqala. Ngokolwimi laBathwa eligama lithetha ubungqongqo, ubundlobongela kunye nokucaphuka. Emva kokuthiywa kukaKumkani uXhosa kwatsho kwakho iqela labantu elibizwa ngamaXhosa kwaye elithetha isiXhosa.
AmaXhosa aphuma emaphandleni ayesakuba yiTranskei kunye neCiskei . Amanye ohlukana kubantu bakwaNguni kwimfazwe eyaye yadaleka eyayibizwa ngokuba yiMfecane. Nabo abo bantu babohlukene kwanguni ikwangamaXhosa kodwa isiXhosa abasithethi ngendlela efanelekileyo kwaye babiza iziduko ezohluka-hlukeneyo futhi baphuma kwizizwe ezahlukeneyo umzekelo: amaMfengu, amaBhele kunye namaZizi.
Aba bantu babizwa ngamaXhosa baneenkolo kunye namasiko. Basebenzisa amabali ukuze basombulule iingxaki zabo. Bakholelwa kuQamata. Ngokwesiko lawo izinyanya zawo ezingooyise mkhulu ababhubhayo zisebenza ukubakhusela. Amaphupha adlala eyona ndima inkulu ukuze umXhosa adibane no Qamata.
Kanti ke ngesizingomba izifuba sibeneqhayiya lokuba ooKhokho bethu zange banikezele kwabamhlophe kanti ke nezozizwe zintsundu ziphambili ngoku zalwa zaphumelela kuba yayizizizwana ezinoxolo nobuntu kwaye zingafuni mfazwe.
"Inkaba yakho iphi?" lombuzo amaXhosa adla ngokuwubuza xa efuna ukwazi ngemvelaphi yakho , umnombo wakho ukutsho , ikhaya , uzalwa ngubani ? , yena ezalwa phi ?
Eyonqulo lukaThixo indima yeyenye imini, okwangoku manditshaye kuba inqawe yam sele izicimele ifuna ukuqongqothwa!
<br />
[[Category:AmaXhosa| ]]
5ksgp454ptwqm95nq4p1bokwyq48bdn