Wikipedia
xhwiki
https://xh.wikipedia.org/wiki/Iphepha_Elingundoqo
MediaWiki 1.39.0-wmf.26
first-letter
Media
Special
Talk
User
User talk
Wikipedia
Wikipedia talk
File
File talk
MediaWiki
MediaWiki talk
Template
Template talk
Help
Help talk
Category
Category talk
TimedText
TimedText talk
Module
Module talk
Gadget
Gadget talk
Gadget definition
Gadget definition talk
UZahara
0
4350
33956
33085
2022-08-25T07:48:40Z
164.151.16.14
wikitext
text/x-wiki
[[File:Zahara Nairobi (cropped).JPG|thumb]]
'''Zahara''' (wazalwa '''Bulelwa Mkutukana''', ngomhla we9 kweyeNkanga ngo1988) ngumlonjikazi ekwambhali weengoma, yimbongikazi, is a South African singer-songwriter, poet, ukwaluphawu lomzekelo wesithunya kwisibhedlele sabantwana iNelson Mandela ''Children's Hospital''. Waqala ukucula kwikwayala yasesikolweni sakhe eneminyaka emithandathu qwaba ubudala, waza wathi xa aminyaka iluthoba ubudala wayalelwa ukuba acule kwikwayala yabadala ngenxa yelizwi lakhe elivakala ligqamile.
Ngo2011 uZahara wakhupha icwecwe lakhe lodumo elithi ''[[Loliwe]]'', elabonakalisa yimpumelelo enkulu; yaba kwizinga le''platinum'' kwiintsuku nje ezili-13 laza lalatyuza emva nje kweentsuku ezili-17 laba sele likwizinha le''double platinum'', lathisa ngaphaya kwama100,000 eekopi eMzantsi Afrika. Umboniso wengoma yakhe yodumo, "[[Loliwe (song)|uLoliwe]]", ufunxe i-1.3 yezigidi zabaphulaphuli ngokuboniswe kwi YouTube. Ngomhla woku-1 kwinyanga kaCanzibe ngo2012, kumnyhadala wonyaka wokunikezelwa kweembasa owawubizwa ngokuba yi[[South African Music Awards]], uZahara waphumelela iimbasa ezisibhozo, kuquka eyelona gcisa langasegoqweni i"Best Female Artist" nobhazabhaza wecwecwe lonyaka i"Album of the Year". phambi kwezi mbasa, kwagqabhuka ingxwabangxwaba ngosasazo malunga nobume bezezimali zakhe ezaziphethwe gwenxa ngabashicileli benkampani yakhe. Inkampani yakhe yoshicilelo i-TS, yazikhaba ngawo omane ezo zityholo.Beba hlupheka kowabo🏠đźŹ
==Early life==
Igama lakhe leenkobe uZahara ngu'''Bulelwa Mkutukana''' wakumatyotyombe asePhumlani cebu nje ngaphandle [[iMonti, eMpuma Koloni|kweMonti]] [[eMpuma Koloni]], eMzantsi Afrika, apho wayehlala khona kunye nabazali bakhe uNokhaya kunye noMlamli Mkutukana. ungumntana wesithandathu kwabasixhenxe. walubonakalisa uthando lwakhe lomculo eseneminyaka emi-6 kuphela ezelwe. Waqala ukutsala amehlo abantu mhla wachongwa ukuba akhokhele iqela lomculo wesikolo secawa ePhumlani. Igama lakhe leqonga lithetha ukuthi "Intyantyambo edubulayo"; njengomntwana wayesaziwa ngegama lakhe lesiteketiso elithi ''Spinach''.
==Ubizo lwakhe njengemvumi==
Umculo wakhe ubekwa kwicandelo le"Afrosoul" kwaye ucula ngolwimi lwakhe lweenkobe, [[Ulwimi lwesiXhosa |isiXhosa]], nagesiNgesi.<ref name="mio">{{cite web |url= http://www.mio.co.za/article/zahara-sells-out-in-72-hours-2011-09-07|title= Zahara Sells Out In 72 Hours |work= MIO|accessdate=18 October 2011 }}</ref> Iingoma zakhe bezisoloko zichazwa njengomxube wohlobo lomculo odunyiswe ngu[[Tracy Chapman]], kunye no[[India.Arie]].<ref name="sowetan2">{{cite web |url= http://www.sowetanlive.co.za/entertainment/2011/08/30/zahara-is-going-places-real-fast|title= Zahara is going places real fast |work= Sowetan|accessdate=18 October 2011 }}</ref>
Ubhazabhaza wecwecwe lakhe lodumo uZahara elithi ''[[Loliwe]]'' lakhutshwa ngo-2011. Ukukhutshwa kwalo okokuqala laba sele lithengisile kwisithuba nje esingephi seeyure ezingama 72 likho,<ref name="mio" /> and 19 days later, the album reached double platinum status in South Africa by surpassing the 100,000 sales mark.<ref name="sowetan1">{{cite web|url= http://www.sowetanlive.co.za/entertainment/2011/09/21/zahara-s-cd-flies-off-shelves|title= Zahara's CD flies off shelves|work= Sowetan|accessdate= 18 October 2011|archive-date= 15 March 2019|archive-url= https://web.archive.org/web/20190315224004/http://www.sowetanlive.co.za/entertainment/2011/09/21/zahara-s-cd-flies-off-shelves|dead-url= yes}}</ref> Oku kwamenza okokuba abeyimvumi yesibini emva ko[[Brenda Fassie]], owayengumXhosa onomtsalane kakhulu, nowafikelela kweli nani ngelo xesha lifutshane kangako. UZahara wakhupha icwecwe lakhe lokuqala lomboniso bhanyabhanya (iDVD)ecula ngokungathi ngu''X-Factor'' umngeneli waseUSA [[LeRoy Bell]]. I-DVD yafikelela kumgangatho we''platinum'' (ngokomgangatho obekwe ngabashicileli bamacwecwe baseMzantsi Afrika) ngosuku olunye nje kuphela.
== Iingoma zakhe ==
* ''[[Loliwe]]'' (2011)
* ''[[The Beginning Live]]'' (2012)
* ''[[Nelson Mandela (EP)|Nelson Mandela]]'' (2013)
* ''[[Phendula]]'' (2013)
==Imithombo==
{{Reflist}}
{{DEFAULTSORT:Zahara}}
[[Category:Abantu baseMzantsi Afrika]]
tw7y3lmkc0y60nrseow7e7znabqhuj2
Xhosa music
0
6880
33955
2022-08-24T15:19:43Z
Bobbyshabangu
4075
Created by translating the page "[[:en:Special:Redirect/revision/1106429512|Xhosa music]]"
wikitext
text/x-wiki
'''Umculo [[AmaXhosa|wesiXhosa]]''' kudala uyinxalenye yomculo wo[[Mzantsi Afrika]] ingakumbi kwicandelo lejezi . Kususela mandulo, ukucula ibilisiko nenkcubeko yamaXhosa.
Umculo wesiXhosa uyavakala kwaye uyanxibelelana, nto leyo equka ukuvakaliswa kwamagama nezandi ngesingqi. Kukwabandakanya intshukumo yomzimba esetyenziswa xa kuqhwatywa izandla, kudanisa okanye kudlalwa isixhobo somculo. Inkosi ezohlukeneyo zamaXhosa zabelana ngeengcinga ezifanayo zomculo. <ref name="Dargie1996">{{Cite journal|last=Dargie|first=Dave|date=1996|title=African Methods of Music Education: Some Reflections|journal=African Music|volume=7|issue=3|pages=30–43|doi=10.21504/amj.v7i3.1961|jstor=30250058}}</ref> <ref>{{Cite web|date=15 October 2002|title=Lifetime award for NoFinish|url=http://www.safrica.info/what_happening/arts_entertainment/nofinish.htm|archive-url=https://web.archive.org/web/20021114115735/http://www.safrica.info/what_happening/arts_entertainment/nofinish.htm|archive-date=14 November 2002}}</ref>
== Umculo kuMbutho wesiXhosa ==
Ukufunda umculo wesintu kuqala ngenkuthazo kunye nomnqweno wokuba nesabelo ngokupheleleyo kubomi belali phantse ngalo lonke ixesha lobomi kuquka iingoma zokudlala zabantwana, iingoma yamantombazana namakhwenkwe untshotso njengoko ekhula, amatheko omjuxuzo wentlombe, iingoma kunye nemijuxuzo ye izenzo zokwaluka, iingoma zezinyanya neengoma zebhiya. Ukuze ube nesabelo kwizithethe kunye nemikhosi, kuyimfuneko ukufunda iingoma. <ref name="Dargie1996">{{Cite journal|last=Dargie|first=Dave|date=1996|title=African Methods of Music Education: Some Reflections|journal=African Music|volume=7|issue=3|pages=30–43|doi=10.21504/amj.v7i3.1961|jstor=30250058}}<cite class="citation journal cs1" data-ve-ignore="true" id="CITEREFDargie1996">Dargie, Dave (1996). "African Methods of Music Education: Some Reflections". ''African Music''. '''7''' (3): 30–43. [[I-Doi (isazisi)|doi]]:[[doi:10.21504/amj.v7i3.1961|10.21504/amj.v7i3.1961]]. [[JSTOR (isazisi)|JSTOR]] [//www.jstor.org/stable/30250058 30250058].</cite></ref>
== Isandi sesiXhosa ==
Ingoma yesiXhosa isekelwe kwizixhobo zesaphetha zesiXhosa ezifana nethi 'umrhube' kunye 'nohadi' ngezandi ezibini ezisisiseko kumculo wesiXhosa. Iimvumi zemveli zamaXhosa zilinganisa izandi zezaphetha zazo zomculo zisebenzisa amazwi azo ngokulawula ulwimi lwazo kunye nokubunjwa komngxuma womlomo. Bavelisa ii-overtones ngokuphakamisa ulwimi ngoko ke bakha igumbi le-resonance. Isandi esibonakalayo sokucula ngokugqithisileyo senziwa ngokuqinisa imisipha yomqala ukudala isandi esiphantsi, esibuhlungu, esiqhekezayo. Obu buchule bunika ngokukodwa abafazi, ilizwi elinzulu. Ukucula i-Overtone kwenziwa kuphela ngabasetyhini kwaye ngokubanzi yimvumi ebalaseleyo ekhokela ingoma. . <ref name="Dargie1996">{{Cite journal|last=Dargie|first=Dave|date=1996|title=African Methods of Music Education: Some Reflections|journal=African Music|volume=7|issue=3|pages=30–43|doi=10.21504/amj.v7i3.1961|jstor=30250058}}<cite class="citation journal cs1" data-ve-ignore="true" id="CITEREFDargie1996">Dargie, Dave (1996). "African Methods of Music Education: Some Reflections". ''African Music''. '''7''' (3): 30–43. [[I-Doi (isazisi)|doi]]:[[doi:10.21504/amj.v7i3.1961|10.21504/amj.v7i3.1961]]. [[JSTOR (isazisi)|JSTOR]] [//www.jstor.org/stable/30250058 30250058].</cite></ref>
== Izixhobo zomculo ==
Uhadi kunye nomrhube zixhaphakile ukusetyenziswa kumculo wesintu wesiXhosa, ezinye izixhobo zomculo ziquka:
Amagubu:
* ikawu: Eli gubu lifana nekhaka elenziwe ngesikhumba senkomo esibethwa ngegqudu size sibethelwe phantsi ngamandla amakhulu. Kudla ngokudlalwa ngexesha lokwaluka kwamakhwenkwe kwaye ikhatshwa ngumdaniso okhethekileyo owenziwa ngamakhwenkwe. Ukubethwa kwenkawu kukwakhatshwa zizikhalo zedabi.
* ingqongqo: Eli gubu lingenamsebenzi lenziwa ngesikhumba senkomo esomisiweyo esiqinileyo kwaye sibethwe ngeentonga. Ingqongqo isekelwe phezu kwekhaka lokuzingela kunye namagubu ka-assegai. Ufele lwenkunzi luyanyangwa kwaye lubotshelelwe kwipali ezininzi eziziimitha ezintathu ukuya kwezine ukusuka emhlabeni. Isixhobo sidlalwa liqela labafazi abaneentonga (amaqoqa). Ulusu lubekwe ngenye indlela emhlabeni, abafazi bahlala phezu kwayo baze bayibethe ngeentonga. Eli gubu alisafumaneki kumaXhosa kodwa, ngaphambili lalisetyenziswa kakhulu ngabasetyhini xa kusenziwa imisitho yolwaluko lwamadoda nakwimibhiyozo yabavumisi. <ref>{{Cite book|last=Levine|first=Laurie|title=The Drumcafé's Traditional Music of South Africa|date=2005|publisher=Jacana Media|isbn=978-1-77009-046-0|pages=80–83}}</ref>
== Abadlali ==
* [[AmaMpondo|Amampondo]]
* Dizu Plaatjies
* Stompie Mavi
* Madosini
* [[Zenzile Miriam Makeba|UMiriam Makeba]]
* Nofinishi Dywili
* Thandiswa Mazwai
*
[[Category:Mzansi Afrika]]
[[Category:Xhosa people]]
794bmjbt4r8881hthm2kb1ogw3hkv9t